Ukusukela ekuqalweni kwayo i-GEMS ngokuqinisekileyo ilizalisekisile igunya layo lokolula ufikeleleko, izibonelelo zokhathalelo lwezempilo ezisemgangathweni kubasebenzi bakarhulumente. Iimpumelelo zakutsha nje kunye nokuphunyeziweyo okuqaphelekayo kuquka oku kulandelayo:
Ngaphezu kwama-33% abasebenzi bakarhulumente abafanelekileyo ngamalungu e-GEMS ize kumaphondo ama-4 ibe ngaphezu kwama-40% abasebenzi abangamalungu e-GEMS;
Umyalezo ovela kwiGosa eliyiNtloko
Thathela kuwe ulawulo lobomi bakho kumlo ochasene neogawulayo nentsholongwane yakhe
Ii-ofisi zemimandla ezimbonakalo intsha
Icebo lokuhlala usempilweni:
Amacebo okutya ngokusempilweni
Qalisa!
Izilumkiso
Siye sagcinwa sifudumele kwakhona kobu busika ziincwadi ezininzi ezichukumisayo ezifunyenwe kumalungu elizweni jikelele njengenxalenye yokhuphiswano lwe- GEMS Sisonke. Enkosi kakhulu ngamabali amnandi kangaka enabelene nathi ngawo. Iincwadi ezifudumezayo esizifumeneyo zibubungqina bokuba i-GEMS inendima enkulu ekufuneka iyidlalile ngokuphathele ngokuba sempilweni ngokwasemzimbeni kunye nokuphumla ngokwasengqondweni kwamalungu wayo. Kuhle ukwazi ukuba i-GEMS iya kuhlala ikhona kumalungu wayo xa eyifuna. Sizimisele ukwabelana nani ngamanye ala mabali kushicilelo lwexesha elizayo lefacets.
Abaphumeleleyo kukhuphiswano lwe-GEMS Sisonke babhengezwe ngasekupheleni kweli phetshana lamalungu. Ngaphandle kokuchitha ixesha, mandivuyisane nabo baphumeleleyo kukhuphiswano kunye nelungu ngalinye eliye lathabatha inxaxheba.
Ubusika buhlala bulandelwa bubutsha obudlamkisayo nobomi bentlakohlaza! Kukobu "butsha bobomi" apho ndivuyayo ukuzisa kumalungu ushicilelo lwekota yesithathu ye-facets.
Ukuphila ne-ugawulayo nentsholongwane yakhe ngumba wabucala kakhulu kwaye ukuzixhobisa wena akufuni ukuba wena wenze umceli mngeni wobuqu ibe ngokawonke-wonke. Okuchasene noko, idabi lakho elichasene ne-ugawulayo nentsholongwane yakhe linokuhlala liyimfihlo ngangoko ufuna ukuba kube njalo.
U-Eunice , utitshalakazi, wafumanisa ngesimo sakhe kwiminyaka esixhenxe eyadlulayo emva kokuba ethathe isigqibo sokuba avavanywe emveni kokuba kusweleke elinye ilungu losapho kwakhona. "Eyona nto inzima kukuzazi isimo sakho. Ukubhalisa kwinkqubo yoLawulo lweSifo se-Intsholongwane kagawulayo ye-GEMS, elawulwa yi-AfA, kwathetha ukuba ndiya kukhokelwa ndize ndicetyiswe ngoogqirha abaqinisekisiweyo kwaye ndiyakuba nakho ukufumana isiqabu."
Ngaphandle kokugula okanye iziphumo zesi, sifo ikhona indlela ongaphumelela ngayo. "Ndadigula kwaye ndidiniwe kukuba phantsi koxinezelelo ngenxa yaso," utshilo u-Eunice, "Ndandingalali ebusuku kuba ndandikhathazekile.Ndaza ekugqibeleni ndabhalisa kwinkqubo ye-AfA, babenomonde kakhulu kwaye beqonda. Bandicacisela ngokuba ukuba ne-Intsholongwane kagawulayo uze ungasebenzisi naliphi na iyeza, xa kuyimfuneko, kufana nokushiya iifestile kunye neminyango yendlu yakho zingatshixwanga ngeli xesha usazi ukuba abagqekezi bayeza. Kwandivuyisa ukuba ndithathe isigqibo sokuthatha uxanduva, nangona ndisazi ukuba ayiyompazamo yam ukuba ndibe ne-Intsholongwane kagawulayo."
Baninzi abantu, abanjengo-Eunice, abagqibe ekubeni bathathele kubo uxanduva lokuba ubomi babo babuphile luhlobo luni na kuba bengafuni ukuba i-Intsholongwane kagawulayo ibe yiyo ethatha unobangela wokusweleka kwabo. I-AfA inikezela ngazo zonke iinkonzo zonyango oya kuzidinga. Ikwakunika nolwazi loncedo olumalunga nesifo osenokuba awulwazi. USifiso , umabhalana kwezolawulo, wafumanisa ukuba i-AfA yamnceda ukubuyisela impilo yakhe phantsi kolawulo lwakhe. "Baye bandazisa ku"Phila ngeThemba" okwandibonisa ukuba ndibuphile njani na ubomi bam obutsha. Kukho ulwazi olumalunga nokuba ndizigcina njani na izinto zam zicocekile kunye nokuhlamba imifuno kunye neziqhamo zam ukuze ndingafumani usuleleko lwentsholongwane. Kwakhona bandixelela ukuba kokuphi na ukutya okulungileyo ukuba ndingkutya kwanokuba kufanele ndizilolonge ndilale kangakanani na. Phofu, ndiziva ndingcono ngoku kunangaphambili. Kuyamangalisa, ndiva ngathi ndibuqala ngokutsha ubomi bam."
INkqubo yoLawulo lweSifo se-Intsholongwane kagawulayo ye-GEMS, elawulwa yi-AfA, inceda u-Eunice noSifiso ukuba bazixhobise bona ngokwabo, ngelixesha isikimu sihoyene nabo bonke obunye ubucukubhede. Unyango luhlolwa ngononophelo narhoqo ukuze kuphunyezwe iziphumo ezigqwesileyo. Oogqirha kunye nabasebenzi baselebhu baqinisekisa ukuba isigulane ngasinye sisebenzisa amayeza afanelekileyo ukuze ubomi bazo buqhube njengesiqhelo. Isigulane ngasinye sifumana intetho ntuthuzelo efanelekileyo, njengoko impilo yabo ngokwasemoyeni nangokwasengqondweni ingabalulekanga nje kubo kuphela kodwa ibaluleke nakwabo babathandayo. "Phambi kokuba ndibhalise kwinkqubo ye-AfA ndandihlala ndikhathazekile kuba ndandisazi ukuba ndine-Intsholongwane kagawulayo kwaye usapho lwam lwalubona ukuba ndiphantsi koxinezelelo. Kwakungathi kukho ilifu elimnyama elijinga phezu kwendlu kwaye ndandinemvakalelo yokuba kungenxa yam. Ngoku ndikwii-ART izinto zibonakala zinjengesiqhelo kwakhona ekhaya. Kakade kwakufuneka ukuba ndibutshintshe ubomi bam kancinane nje, kodwa kwakufanelekile oko. Ndingamane ndisenza umzamo wokuwasela ngexesha amayeza wam kwaye ndinxibe ijezi xa kubanda, kunokuba ndiziyeke ndisweleke,"
Ukutatazela zange kwanceda mntu ntweni! Endaweni yoko kwenza ukuba izinto zibe mandundu.
Unxibelelwano luye lube mfiliba, intsingiselo ilahleke kuze kwenziwe nezigqibo ezingenabulumko. Le yinto eyenzekayo ngoku elizweni lethu kunye nakwihlabathi lonke ngokubanzi malunga no"mkhuhlane wehagu", "umkhuhlane waseMexico" okanye intsholongwane ye-H1N1, ngaphandle kweenzame ezinyanisekileyo ezenziwa ngabezonyango ukwazisa uluntu ngezinto eziyinyani.
Ngokwe-NICD, kukho izehlo ezininzi zomkhuhlane olingenelela kunomkhuhlane wehagu apha elizweni okwangoku. Isizathu sokuba uxhalabise kangaka umkhuhlane wehagu kukuba ngokulula nje yintsholongwane entsha. Abantu abakho nyulu kuyo njengakwezinye iintsholongwane zomkhuhlane ekudala zikhona, ezo kukudala bahlangana nazo. Nangona kunjalo, njengakumkhuhlane olingenelela, umkhuhlane wehagu kufuneka ungathathwa nje ngokulula.
Umkhuhlane wehagu uneempawu ezifana nezomkhuhlane olingenelela mpawu ezo ezifana necesina, intloko ebuhlungu, usulelo ekuphefumleni, ukukhohlela neempumlo ezivuzayo. Umkhuhlane wehagu ukwahlukile kumkhuhlane olingenelela kwezinye zeempawu zawo; iimeko zobuhlungu besifuba, urhudo nesicefucefu zibhalwe phantsi. Ezinye izigulane zifunyenwe kakhulu zezi mpawu ngeli xesha ezinye, phofu uninzi lwazo, luye lwehlelwe kukugula okungephi.
Ukuba ngaba wehlelwa zezi mpawu zingentla, hamba uyokubonana nogqirha wakho phambi kokuba ubalekele esibhedlele okanye uzame ukuthenga i-oseltamivir (Tamiflu), iyeza lomkhuhlane wehagu. Ngeli xesha abanye oogqirha bemisele i-Tamiflu ngaphandle kokuqinisekisa usulelo, abanye bayavuma ukuba ukusebenzisa iyeza ungaguli ngumkhuhlane wehagu kukubeka kwingozi yexesha elizayo - okukhona ulisebenzisa rhoqo olu hlobo lweyeza, kokukhona iintsholongwane ezininzi ziyakuba nokuxhathisa kulo. Oku kuthetha ukuba xa uye ke ngenene wosulelwa ngumkhuhlane wehagu ube uyifuna ngenene i-Tamiflu, ngeke isebenze ngendlela ebekumele ukuba isebenze ngayo. Kwangaxesha nye, ugqirha olungileyo ngeke acebise khuselo lokufakwa kwesibulala-ntsholongwane kwisigulane, kuba oko kungehlisa amandla ukuchacha kusulelo lwentsholongwane.
I-NICD icebisa ukuba eyona ndlela isebenzayo yokuphepha usuleleko lomkhuhlane wehagu kukulandela amanyathelo othintelo aqhelekileyo ngaphezulu kancinane kubungqongqo. Gqalisa ekuhlambeni izandla zakho rhoqo kwaye uzihlambe kakuhle kwaye ube nomdla kwizinto eziselwayo. Kwakhona uthande ukwandisa ukutya izinto ezinovithamin C no-B. Okokugqibela kodwa kungaphelelanga apho, yenza izinto ezifanelekileyo umama wakho ahlala ekuxelela ukuba uzenze: ukunxiba ngokufudumeleyo, ukutya imifuno yakho kunye nokulala ngexesha!
Ingaba uceba ukuthatha umhlalaphantsi kungekudala? Ukuba ngaba ufuna ukuqhuba nobulungu bakho be-GEMS, kufuneka usazise kwisithuba esingangenyanga phambi kokuba ucebe ukuthatha umhlalaphantsi ubuncinane ukuqinisekisa ukuba izibonelelo zokhathalelo lwakho lwezempilo ziqhuba zingaphazanyiswanga.
Ikopi yeSAZISI yeLungu eliyiNtloko;
Ukuba ngaba sele unayo ileta evela kuNondyebo weSizwe eqinisekisa isibonelelo senkxaso-mali sakho njengomdli-mhlalaphantsi, nceda uyithumele kuthi nayo. Oku kuqinisekisa ukuba sisebenza ngesicelo sakho ngokukhawuleza kangangoko.
Funda iimpendulo kwiMibuzo eBuzwa Rhoqo engasezantsi ukufunda ngokuphangaleleyo ngesi sibonelelo sibalulekileyo.
Ithini imida yezibonelelo endinayo kwiinkonzo zamazinyo?
Kuzo zonke iintlobo zokhetho; amalungu anelungelo lokuya kukhuhla nokupolisha kabini ngonyaka (kanye kwiinyanga ezintandathu) oko kuyakuhlawulelwa kumda wezamazinyo osisiseko okanye kwizibonelelo.
Kufuneka ugunyaziso kuqala kuzo zonke iinkqubo ezifuna ukuba ulaliswe okanye uzoliswe ungabikho zingqondweni. Phambi kokuba wenze olu hlobo lonyango, ugqirha wakho wamazinyo kufuneka enze izindululo ezicacisa ukuba oku kuyimfuneko ngokonyango ukuba kusetyenziswe ulaliso okanye isizolisi. Konke ukungeniswa esibhedlele kubaxhamli abangaphezulu kweminyaka esi-8 kufuneka kunikwe amanqakwana ngako ngugqirha wamazinyo onyangayo. Nceda uqinisekise ukuba ufumana ugunyaziso phambi kokuba ulaliswe esibhedlele kwisithuba esingangeeyure ezingama-48 phambi konyango ubuncinane, ngaphandle kokuba yingxakeko.
Kuyakwenzeka ntoni ukuba ndifuna inkonzo yamazinyo ekhethekileyo?
Qhagamshelana ne-GEMS kwa-0860 00 4367 phambi kokuba wenze nayiphi na inkonzo yamazinyo ekhethekileyo, ukuqinisekisa ukuba unezibonelelo ezifumanekayo na kunye nokuba inkqubo leyo iza kuhlawulelwa na. Uyilo lonyango olubhalwe phantsi kunye nengqikelelo yeendleko ezivela kugqirha wakho ziyakunceda ekumiseleni izibonelelo zakho ezikhoyo. Oku kubaluleke kakhulu ingakumbi xa uza kwenza utyando lwamazinyo okanye wenze naluphi na unyango olunxulumene nalo. Lonke unyango lokulungiswa kokungaqhelekanga emazinyweni kufuneka lugunyaziswe kwangaphambili. Ezinye iinkqubo zamazinyo aziyi kuthathelwa ngqalelo ngenxa yemithetho yeSikimu kunye nemigaqo yolawulo lokhathalelo. Umzekelo ukufakelwa kwamazinyo, kukhutshelwa ngaphandle kwiSikimu.
KUMNTLA NTSHONA
Uphando lubonise ukuba abantu abaninzi eMzantsi Afrika banofikelelo kwi-intanethi besebenzisa iiselula zabo kunye neekhompyutha zabo. Yiloo nto ke siye sayila le sayti ukuqinisekisa ukuba iinkonzo zekhompyuta ze-GEMS ziyafikeleleka kumalungu wethu ngobuninzi bawo kangangoko kunokwenzeka.
Ngoku ayikho imfuno yokufikelela kwikhompyutha ukuba ufuna uku:
Jonga amabango wakho, izibonelelo ezifumanekayo kunye nogunyaziso lwasesibhedlele;
Funda ngokuba uzimanya njani kwaye ubabhalise njani abaxhomekeke kuwe ukuba ngaba ufuna ukuba lilungu; kwaye
Fikelela kuzo zonke iinkcukacha zoqhagamshelwano zeSikimu ezibalulekileyo.
ENTSHONA KOLONI
Icebo lokuphila ngokusempilweni
Ingaba uziva uphantsi koxinezelelo emsebenzini? Nangona uxinezelelo luyinxenye eqhelekileyo yezinto zemihla ngemihla, uxinezelelo olugqithisileyo luphazamisana nokusebenza kwakho ngokwaneleyo kwaye luyingozi kwimpilo yakho yasemzimbeni neyasemoyeni.
Ukoyisa uxinezelelo
Zikhathalele wena buqu: Ukuphucula ukuba sempilweni komzimba nomoya wakho kuyakunceda ukoyisa uxinezelelo lwasemsebenzini. Ukuzilolonga, ukutya nokuphila ngokusempilweni kuyimfuneko. Yiphephe imikhwa nezimvo ezimbi: Chonga izimvo ezimbi ezongeza kuxinezelelo lwakho kuze kubekho into oyenzayo ngazo. Kuthatha ixesha. Beka okuza phambili kuqala uze wenze ulungiselelo: Ngqinelanisa ubomi bakho usenza ixesha eloneleyo lemisebenzi yasemsebenzini kunye nemisebenzi engeyiyo eyomsebenzini, kwaye wunikezele kwabanye umsebenzi ukuba unakho. Phucula ubudlelwane emsebenzini: Ubudlelwane obungcono nosebenza nabo bunokukhokelela ekuncipheni koxinezelelo.
Amacebo okutya ngokusempilweni
Amacebo okukhetha ukutya okuphucula impilo yakho:
Tyela ukuphila: Ungatyi ukutya okungaphezulu kunoko kufunwa ngumzimba wakho. Yitya ukutya okwahluka hlukeneyo: Ukutya okuvela kuwo onke amaqela okutya (iproteni, isitatshi, iikharbohidrate neeminerali) kuyimfuneko. Zama intlanzi, iinathi neziqhamo ongaqhelanga ukuzitya. Ngokuphakathi: Xa usitya ukutya okuneekhalori eziphezulu, khetha ukutya kokuqala okuncinane endaweni yesidlo esikhulu esingundoqo. Yabelana nomhlobo wakho ngokutya kwaye ungafaki i-odolo yayo nantoni na into eninzi ngokugqithisileyo. Yitya iziqhamo, imifuno, iinkozo neembotyi ezininzi: Zama ukuzitya zisentsha kangangoko unokuba nakho. Sela amanzi amaninzi: Uninzi lwethu luye luphile lungenawo amanzi emzimbeni. Zama ukusela iiglasi zamanzi ezi-6 ukuya kwezisi-8 ubuncinane ngosuku.
Musa ukutya kakhulu ukutya okuneswekile, ityuwa kunye nemveliso yeenkozo ezicoliweyo.
Qalisa!
NgeeNtsuku zokuHlolwa kweMpilo ze-GEMS ezazibanjwe kumasebe wenu, ukuzilolonga yaba yenye yezinto nina, malungu wethu, enathi nayiqononondisa njengento eningathanda ukuyenza rhoqo. Siyayazi sonke ukuba ukuzilolonga kubalulekile kodwa siyayazi sonke ukuba kunzima ukukuqalisa. Nanga amacebo okukunceda ukuba uqalise kwindlela eya kubuwena obungileyo nobusempilweni.
Yenza nje ngokulula: Ungalindeli okugqithisileyo kuwe! Qala kancinane uze uqhube ngesantya sakho. Ukuqala ngokukhawuleza kakhulu nangokutsaleka kunokukhokelela ekwenzakaleni kwaye unokuziva woyisiwe phambi kokuba ube uqalile. Tsalela umnxeba umhlobo: Ukuzilolonga nomhlobo, eklasini okanye kwiqela kunokukunceda ukuba uzigcine ukhuthele. Kukho uluhlu lokuzilolonga lomntu ngamnye: Nokuba buthini na ubunzima bakho, iminyaka, inqanaba lokulunga, ungalunga! Kukho iinkqubo ezikhethekileyo ezivumela abantu abakhubazekileyo, okanye abantu abachacha ekuguleni okanye kutyando ukuba bathabathe inxaxheba ekuzilolongeni. Iyoga nokuqubha zombini zilungile ekuphepheni uxinezelelo kwizihlunu nakumalungu.
Qaphela: La macebo empilo awangeni endaweni yecebo lezempilo olunikwa ngumniki khathalelo wempilo wakho. Ngolwazi oluthe vetshe ngokutya nokuphila ngokusempilweni, tsalela umnxeba wokhathalelo lwempilo kwa-0860 00 4367.
Kuyamangalisa ukufumana iincwadi ezininzi kangaka ezikhethekileyo. Siyabulela kuni nonke niye nathatha ixesha lokungenela ukhuphiswano lwe-GEMS Sisonke - enkosi ngokusazisa ukuba senza izinto ezininzi ezinkulu zilunge. Siye sathabatheka zizimvo zenu zokuba i-GEMS inincede njani kangangokuba kube nzima ukukhetha umntu omnye kuphela ophumelele ibhaso kwindawo nganye eyoku-1 neye-2.
Amabhaso wethu amabini Eloku-1 Impela-veki yababini kuqukwa nokuhamba 1 ngenqwelomoya, imoto eqeshiweyo, indawo yokuhlala kwindawo yokuqala nokutya kwiphondo ozikhetheleyo.
USuzan Malindi, umabhalane kwezolawulo waseMafatsane, omntwana wakhe uyintombazana waye watshiswa yidriphu emva kokuzalwa. I-GEMS yaye yahlawula zonke iindleko kwaye "ifana nomyeni wesibini" kuye. Ngelishwa umyeni wakhe waye wamshiya kuba ecinga ngamatyala ekufuneka ukuba awahlawule! Umyalezo kaSuzan oya kuwo wonke umntu ngowokuba wonke umntu ozimanya ne-GEMS kukuba makaphumle onwabele iinkonzo ezinikezelayo!
AbabiniabaPhumeleleamabhaso 2 Elesi-2 usuku olunye lokuphuma kwesibini siyekwenye wethu kwindawo yesi-2 yeendawo zomthombo wempiliso eziphezulu eMzantsi Afrika!
Sithi nisebenzile kwabo baphumeleleyo kukhuphiswano lweSisonke. Qala
ULeon Crause, utitshala waseRobertson, waye wasuswa intlala eqinileyo engquleni yakhe, ukukhutshwa kwedolo kwangoku ukuqokelela loo mabali kufakwe okunye okupheleleyo kwaye wahlaselwa nasisifo sentliziyo! Uya lubulela uncedo, ububele kunye novelwano ukuze nawe ube ngophumeleleyo awalufumana kwiSikimu. I-GEMS yanika yena kunye nosapho lwakhe ukuphumla - hayi kukuba nje yahlawulela yonke kukhuphiswano lonyaka ozayo.
Xa utsalela umnxeba kuMnxeba wezeMpilo unokulindela isikhokelo esisekelwe elwazini malunga nokuba ungaya nini na ekhemisti uyokufuna iyeza elithengwa ekhawuntaleni, ukuba ingaba kufuneka ufumane icebo likagqirha wakho okanye kufuneka uye kwigumbi likaxakeka na. Lo mnxeba ukunika ufikelelo olukhawulezileyo kulwazi kunye namacebo ezempilo asimahla, ingakumbi amalungu ahlala kude nogqirha okanye nesibhedlele.
Nceda qaphela: Le nkonzo ayingeni endaweni yoluvo lomniki nkonzo yokhathalelo lwakho lwezempilo.
Kuhlelo lwekota yesibini yee-facets, siye saxela ezi nkonzo zilandelayo eziye zaziswa zokwenza ukuba ubomi bakho bube lula.
INkqubo yokuNxulumene nokuKhulelwa inika amalungu akhulelweyo inkxaso, imfundo kunye namacebo kwibakala ngalinye lokukhulelwa kwawo kunye nangexesha elisemva kokubeleka.
IiNtsuku zokuHlolwa kweMpilo ziza neenkozno zokuhlola kuwe emsebenzini wakho. Le nkonzo yenza ukuba ube nako ukubona iingozi zempilo kwangoko, ukuze ube nakho ukuthintela okanye ukunciphisa ukuqhubeka kwezifo. Tsalela iSikimu kwa-0860 00 4367 ngolwazi oluthe vetshe.
Indlela esetyenziswa yi-GEMS kubuqhetseba yileyo YOKUNGABUNYAMEZELI TU KWAPHELA. Nceda usincede ekuxeleni ubuqhetseba okanye ukulindeleka kokwenzeka kobuqhetseba obunokuba benziwa namanye amalungu, abaniki nkonzo yokhathalelo lwezempilo okanye abathelelani. Zive ukhululekile ukuqhagamshelana nomnxeba wethu wokuxela ubuqhetseba wasimahla kwaye ungazixeli igama lakho kuwo kwa-0800 21 2202 ukuba ngaba kukho nantoni na oyaziyo nathi ekufuneka siyazile. Ukulwa nobuqhetseba ngumzamo wentsebenziswano yeqela.
Ingaba ubusazi na ukuba akukho namnye eMzantsi Afrika ovumelekileyo ukuba abe lilungu leZikimu zoNcedo loNyango ezibini ngaxesha nye? Oku kuchasene nomthetho kwaye kuthathwa njengobuqhetseba. Phambi kokuba ufake isicelo sokuzimanya ne-GEMS okanye esinye isikimu sezonyango, khumbula ukurhoxa kwisikimu sezonyango okuso ngoku.
elinokubizwa ngumniki nkonzo wokhathalelo lwakho lwempilo. Kunokufuneka ukuba uhlawule imali egqithileyo (ukuba ngaba umniki nkonzo ubiza ngaphezulu kwamazinga eSikimu).
Iqhagamshela elikudibanisa kuzo zoli-11 iilwimi ezisemthethweni liya kuvezwa. Apha ke ungakhetha ukubona incwadi yelungu ngolwimi lwakho. Sele uqalile umsebenzi wokuguqula yonke imbalelwano yeSikimu ngo-2012.
IBhunga labaSebenzi bezeMpilo baseMzantsi Afrika (HPCSA) kutsha nje baye balumkisa uluntu ngothotho lwezipapasho olwenziwa ngabantu abathi bangoogqirha. Nceda uwajonge la maqhetseba, kuba naliphi na ibango elingeniselwe inkonzo engenziwanga ligcisa lezempilo enenombolo yokubhalisa esemthethweni aliyi kuhlawulwa ngu-GEMS. Zikhusele! Nceda ucele ukubona inombolo yobhaliso yalo naliphi na igcisa olithandabuzayo.
Imithetho yeSikimu yamayeza ikhona ukuze ikhusele izibonelelo zakho kunye nokuqinisekisa ukuba iyeza limiselwa ngokufanelekileyo kwaye aliyongozi kuwe. Imithetho ayenzelwanga ukwalela wena unyango, amayeza okanye ufikelelo kwizibonelelo zakho. Amanye amayeza anokuba yingozi kwaye ungazibona sowuxhomekeke kuwo ukuba ngaba awasetyenziswa ngokufanelekileyo. Phantsi kwemithetho emitsha yeSikimu inani leepilisi elinemida elimiselwe yona liyakuvunyelwa kwixesha elithile elikhethekileyo, kwaye iindibaniselwano ezithile zamayeza aziyi kubuyekezwa. Le mithetho iya kuqinisekisa ukuba iyeza elimiselweyo nelikhutshelwe wena lifanelekile ngokweminyaka kunye nesini sakho.
Jonga ulwazi lwakho lwezibonelelo zowama-2010 oluza kufika eposini ekuqaleni kukaNovemba.
